03/12/2025
🙆♀️🙆♀️"intsangu ndayiyeka Guys mhla ndayitshaya ndafika ekhaya iTayma lihleli no Mama bephunga...Ndangena sendithetha ndedwa...🗣Yhoo izithandani mntakabawo!...Ndanqonda kwii mbiza ugqiba kwam ndavula iFriji ndathatha iPurity yam ne coldDrink ndaphuma ndaya kulandlu ndilala kuyo...Ndithe ndisajikelezelwa yintloko ndacinga makendiyozenza uLuyanda Potwana loo wakwi Nyani Nyani kubo🤣🤣🤣...Ndaphuma fast ndafika ndatsala istulo ndahlala ecaleni kwabo ndajonga iO'Lady ndathi....Wamkelekile enkqubeni uNyani Nyani!!..igama lam ndinguLuyanda Potwana...Usibizile uthi kunento ofuna uyiConfess(a) kwiqabane lakho...Yintoni leyo??...Mjonge emehlweni uthethe naye!...Yhoo landithini iO'Lady...Futsek! Uqale nini uba nguLuyanda Potwana??..uqhunyiwe ngoku??...Ndajonga iTayma ndathi...Umvile ke Mhlekazi ukhaba ngawo omane!!..Ikuphatha njani lonto??...Thetha naye Mhlekazi...Heeyi andazi kwenzanjani ndazibona sendicinezelwe ngedolo iTayma linditsikila aba👉🍒...Ndakhwaza...🗣Haybo Tayma uzawaqhawula🍒!!!!...Latsho izipho Nkxiiii!!!...Ndakhwaza..🗣Haybo O'Lady!! Uyamyek'uTata awacubhe!!!!...Kwaphela nalomqhunyo lowo ndabuyela ezingqondweni....Ndavuka ndayolala kulandlu....Ndathi uvuka kwam kusasa xa ndiphuma babe abatshana bam bedlala neetshomi zabo...Yhoo bayeka nezoToys bakhwaza🗣Haybo O'Lady uyamyeka uTata awacubhe!!!...Ndayijonga lentwana enguNyambose noMdlalose noShenge ndathi...nizawuhamba apha ekhaya!!!
🙆♀️🙆♀️Zange ndiphinde nditshaye itsangu!!!..(Don't forget to follow me fo more funny stories..enkosi)
😂😂😂😂😂😂😂😂😂😂😂😂