Msa Sajini WakuGatyane Umbhali Wamabali EsiXhosa

Msa Sajini WakuGatyane Umbhali Wamabali EsiXhosa Contact information, map and directions, contact form, opening hours, services, ratings, photos, videos and announcements from Msa Sajini WakuGatyane Umbhali Wamabali EsiXhosa, Sport & recreation, Phoenix.

25/01/2026

fb.com/stars

25/01/2026

Big shout out to my newest top fans! Ncumisa Dakana, Nolhay Tose, Lwethu Vika Busakwe, Lindiswa Senti, Abenathi Tulela, Landile Jezile, Zukelwa Grey, Iviwe Maqambayi, Gcogco Invitations, Athenkosamahlubi Sondy, Tunywashe Nelly, Buntukazi Wamangqosini Namangwevu Tyatya, Sindisiwe Siwe Mnyulu, Nokuthula Vokwana, Nondumiso Nonjewu, Nelly Mpikwa, Nomhlophe Ranana, Bongo Ngozi, Thwala Thwala Julius, Mbinzo Fura, Iziphile Mntosi, Nonie Mandlangisa Mqadaru Nonie, Busi Jola, Nosabatha Bob, Noxolo Gqadushe, Dunyiswa Ntsenge, Mntungwa Zuki, Elam Emihle Parker, Nokuzola Ziyekile, S'yolise Tolokazi Fikizolo, Gcogco Tolokazi Mvalo, Sikhonathi Madebe, Nomfazwe Chongiwe-'Nonga' Fayindlala Ntshuntsha, Funie Hanabe, Enhle Nomsobo Mkhundlu, Lithemba LamaXesibe Pumlomo, Zoleka Mazou, Nonto Bom, Maka Ndile Sokhatsha

05/10/2025

Big shout out to my newest top fans! Ncumisa Dakana, Nolhay Tose, Lwethu Vika Busakwe, Iviwe Maqambayi, Gcogco Invitations, Athenkosamahlubi Sondy, Tunywashe Nelly, Sindisiwe Siwe Mnyulu, Nokuthula Vokwana, Nondumiso Nonjewu, Lindiswa Senti, Nelly Mpikwa, Nomhlophe Ranana, Bongo Ngozi, Thwala Thwala Julius, Mbinzo Fura, Notembela Kwele, Nonie Mandlangisa Mqadaru Nonie, Busi Jola, Nosabatha Bob, Noxolo Gqadushe, Dunyiswa Ntsenge, Mntungwa Zuki, Nokuzola Ziyekile, S'yolise Tolokazi Fikizolo, Gcogco Tolokazi Mvalo, Sikhonathi Madebe, Nomfazwe Chongiwe-'Nonga' Fayindlala Ntshuntsha, Funie Hanabe, Enhle Nomsobo Mkhundlu, Lithemba LamaXesibe Pumlomo, Landile Jezile, Zukelwa Grey, Zoleka Mazou, Nonto Bom, Maka Ndile Sokhatsha

29/05/2025

Wayelihlwempu Wafela Entlutheni 7!
"Hayi akuzange nangelinye ilanga kufike bantu kweli khaya, beqhuba intombi ekhulelweyo. Ngoko ke ayingowalapha lo mntwana. Undikhumbuze xa ndilibele tata. Uphinde watsho uNomzi. "Awuxoki mfazi. Yeyakwabani le ntsikizi nyana, zithini injongo zakho ngayo, ndingabadibanisa oyihlo mncinci siyokucela ubuhlobo nabakulo ntombi "? Ubuze watsho uNozulu.

"Intoni? Unotshe Iimpundu zelawu, izibulo lam tata lizeke umfazi amantombazana ekhona. Uzukhumbule tata kwantlandlolo kwakuba lihlazo indodana ithi ijole nomntu onomntwana, kube linyala ukuyizeka lo ntombazana kuhlazeke abazali nekhaya lo mfana. Ingaba yinto esiyifunayo leyo ngonyana wethu? Ingaba kulungile sibe yintlekisa kule lali tata, ngento ebesingayinqanda ingekenzeki"? Ubuze watsho uNomzi, engekaphenduli uSiphosethu.

"Hamba uyokulala Zola kusathetha abantu abadala ngoku", utshilo uNozulu. Uye waphakama nesitya sakhe esiyokugqibezela ukutya kwakhe kwigumbi lakhe lokulala uZola. "Ukuba le ntombi uyayithanda, iyamonwabisa unyana wakho, kwaye yiyo le afuna ukhula nayo, yintoni esingayenza thina "? Ubuze watsho uNozulu. "Tata okwethu nje ngabazali abane nkathalo ngenzala yabo, kukubanqwanqwada abantwana bethu xa bephuma efolweni". Utshilo uNomzi.

"Unyanisile mkam. Kodwa ke hayi ukubathathela izigqibo ngendlela afuna ukwakha usapho lwabo, nokuba makathande bani nokuba umzi wakhe awulawule kanjani". Uphendule watsho uNozulu. "Tata kwantlandlolo abazali babekwazi uk*mjongela unyana wabo intombazana xa engaboni, kwaye ezo ntombi ziyivusile imizi yabo, zalwandisa nosapho lwabo ngoko ke ukuba uSiphosethu ufuna ukujongelwa intombazana, ndikhona".

"Ixesha langoku alifani nexesha lakudala mama kaZola". Utshilo uNozulu. "UKusanele, intombi ka maDlamini, le ndiyelusileyo tata imfanele unyana wethu. UKusanele tata, akazange wombatha nenye indoda, kwaye uyintombi ekhutheleyo angawuvusa umzi wakho nokuba sowulele uNaphakade". Utshilo uNomzi ukuphendula. Uvele washuk*ma uSiphosethu besathetha abazali bakhe, eshiya oko kutya kwakhe etafileni kungekatyiwa. Beve sekuvaleka ucango ukuba ubashiye apho unyana wabo, esiya kwigumbi lakhe lokulala, engakhange ahlomle nakanye.

Uwe umkhusane

28/05/2025

Big shout-out to my newest top fans! Nolhay Tose, Lwethu Vika Busakwe, Lollie Lolly, Mntungwa Zuki, Gcogco Invitations, Ncumisa Dakana, Nokuthula Vokwana, Nondumiso Nonjewu, Lindiswa Senti, Nelly Mpikwa, Nomhlophe Ranana, Darky Darky, Bongo Ngozi, Thwala Thwala Julius, Mbinzo Fura, Notembela Kwele, Busi Jola, Nosabatha Bob, Noxolo Gqadushe, Dunyiswa Ntsenge, Nokuzola Ziyekile, S'yolise Tolokazi Fikizolo, Sikhonathi Madebe, Nomfazwe Chongiwe-'Nonga' Fayindlala Ntshuntsha, Funie Hanabe, Enhle Nomsobo Mkhundlu, Lithemba LamaXesibe Pumlomo, Landile Jezile, Zukelwa Grey, Zoleka Mazou, Nonto Bom, Maka Ndile Sokhatsha

24/09/2024

Wayelihlempu Wafela Entlutheni 6!
Bafike eTywaka sek*mnyama nezindlu sezikhanyisiwe zonke elalini. Bangena emnyango sebephaka abazali babo, babulise nje babe sebedlulisa inyama evela k*makhulu wabo uNozibele, wabe seyifudumeza uNomzi eyifaka ezityeni. Bathe xa beqala ukutya wabe uZola eqala ebalisa ngafike wakubona eMqothwane. Bathe besakhuza njalo wabaxelela ke ucacise wathini umakhulu wabo xa wayebuza ngezitya abafike seziphakiwe, wakhumbula emv'ekhaya uNozulu. Bayihleke bagigitheka xa wayeveza neli gama lika yise awayebiza ngalo ngutamkhulu wabo elingu "Nokho ntoni". "Kanti tata eli gama wena undibiza ngalo lika Nokho ntoni, yayiligama lakho owaliphiwa ngutamkhulu"? Wabuza watsho uZola. "Kweku umama akhonto angayincokolanga ke nani, wade wazokuthi ga kwelo gama, kodwa ke nyana elo gama seyilelakho ngoku andisayikuphinda ndibuyele kulo mna", uphendule watsho uNozulu.

Njengokuba kuncokolwa etafileni, yena uSiphosethu wayengathathi nxaxheba kulo ncoko ungafunga uthi uZola wayehambe yedwa. Uye wothi wokuqaphela uNomzi ukuba akakakutyi nakancinci ukutya kwakhe uSiphosethu, embona ekude ngengcinga washuk*ma wasondela kuye embamba ebunzi esiva ubungakanani bobushushu balo, egxuma ke naye. "Kuqaqamba ndawoni na mntanam, ngokuba intloko yona hayi ayiqaqambi". Ubuze watsho uNomzi. Engekaphenduli njalo uSiphosethu esabakabakaza, wabe sewuxhumela lo mbuzo uZola ephundula esithi, " akho kwandawo imqaqambelayo ubhuti mama, ntonayo nje kunentombi eseNkelenkethe esilibazisileyo ukuyokufika eMqothwane, kanti izakusilibazisa nokuzokufika apha ekhaya ngokuhlwa. Yaze yanethamsanqa intombazane enomntwana ethengelwe ifowni ngubhuti kodwa mna andinayo". Bajika bonke bajonga kuZola bemamele awayekutsho, ewarhole onke amehlo uSiphosethu ewuthe nyekelele umlomo oku kwenjeke.

"Ngumntwana wakho lowa bhuti"? Ubuze watsho uZola. Uthe engekaphenduli njalo uSiphosethu, wawuxhumela uNomzi lo mbuzo "kweli khaya zange kufike bantu beqhuba intombi ezithweleyo, ngoko ke ayingowethu lo mntwana".

21/09/2024
19/09/2024
18/09/2024

Wayelihlempu Wafela Entlutheni 5!
Lithe ixesha xa likekelela ngakwintsimbi yoku-13:00 uSiphosethu noZola baye bacela indlela kamakhulu wabo uNozibele. Ebebonakala engathandi ukuba bahambe namhlanje, kodwa ke ngenxa yemeko uye wabakhulula ngesulungekileyo intliziyo, kwaye wabaphathinsa nenyama ibishiyekele ukuba baphathele unyana wakhe nomakoti wabo. Uye wabayaleza ke nokuba Kaloku xa bephinda bemtyelela bangabashiyi ngasemva abazali babo. Baye bayibetha yancinci ukuyokuqhina edolophini kuGatyane, apho bafike bathenga khona umakhal'khukhwini (Motorola) besingisele eNkelenkethe.

Ufike wayimisa nxi wokufanisa omnye wabafundi awayefunda nabo uSiphosethu owayengena esikroxweni kwaNdangomba. "Pipipiiiiii!!! Andile", ukhwazile uSiphosethu. Uye wajika wajonga ngasemva uAndile, wabe ke naye uSiphosethu ephuma emotweni efuna ukuziveza kuye. Kodwa ke ngenxa yexesha, wayengamboni kakuhle uAndile kwaye ungaqin'umnqwazi kuye. Uthe wokuphinda amkhwaze kwakhona, walifanisa ilizwi wasabela wenjenje "Mpofane, mehlo madala". Baye bakhawulelana, bafike bawolana beyihleka bekwabuzana nempilo.

"Ndiyakubona mfondini uphumelele, kwaye konke kukufanele nendlela owawuzimisele ngayo yayikhomba le mpumelelo ndiyibona phambi kwam. Hiii! Ihash'elimhlophe qhwa. Ugqirha wezilwanyana". Watsho encoma uAndile. "Hayi sukukhwaza into engekhoyo ndoda, kodwa ke ndiyavuya ukuba usakhumbula iphupho lam, kutshukuthi ungumhlobo wenene. Mfondini ndafika edyunivesity ndabuyela emva exesheni (stage) lobuntwana, ndaphehluzelisa kwalokhwe ephambi kwam, kodwa ke ndandisenentlungu zonyaka owadlulayo ozaziyo kenawe. Ndacinga ukuba ndonwabile kanti ndiyazichana. Ndatshona zonke izifundo (Modules) zam. Abaxhasi (sponsors) bezomnotho ababendixhasa barhoxisa iimali zabo, kwanyanzeleka ukuba ndifundiswe ekhaya ngokuba ne (bursaries) zazingasenathemba ngak*m, ndabuya eRhodes ndeza eiWSU apha eMsobomvu ndenza izifundo zokuba ngumfundisi ntsapho. Yayingekho enye into endingayenza ngokuba konke kuzakuphuma kwitasi katata kwaye yena ufuna ndilande ekhondweni lakhe nomama kungenjalo ndibuye ndizokuhlala ekhaya. Andikaqeshwa ngokupheleleyo nguRhulumente wezemfundo ndise kuvavanyo ngunyaka onesiqingatha ndibambile, eli hashe kelona ndilithengelwe ngutata xa kwakuphuma iimali zakhe kwiminyaka emine edlulileyo, walifihla ke kuba esithi kuzakuza sisipho sakhe k*m mhla ndizakuthweswa isidanga,wenza njalo kunyaka odlulileyo ". Watsho uSiphosethu ukuphendula.

"Ngenene nangenyaniso ndivuyisana nawe mhlobo wam, noxa nje uke nawe wakhubeka uzixokisa usithi wonwabile kuba uzama ukufihla inxeba onalo linaveli lubala. Kodwa ke namhlanje ulapha kwaye uphumelele, kodwa ke xa usafuna ukuba nguGqirha wezilwanyana usengathi xa usebenza uqeshekile uphinde uzame ukufunda usebenza, uk*mbule akulahlwa mbeleko ngakufelwa. Kodwa ke ubekwa yintoni kulo mhlaba, awoyiki ukuphinda umbone nesilonda esapholayo siphinde sibhidle kwakhona"? Ubuze watsho uAndile. Uye wayihleka kancinci uSiphosethu wathi "ndizele ukuzokubona yena uqobo. Andisekho sezintlungwini ngoku, endizokwenza ndifuna ukulungisa izinto phakathi kwethu". Uye wakhuza uAndile "yhoo yhoo yhoo!! Ufuna lo mntwana akugqebel'inye? Sewude ufune ukulungesa izinto nje nguwe owonayo? Uke wazama ukukhangela yena waxolisa okanye nguwe ozidinayo? Ubom abuyomfundo kuphela, kuyafuneka ongenakuyinceda mfowethu uyishiye ngasemva buqhuneke ubom".

"Ugqibele nini uk*mbona"? Ubuze watsho uZola. "Love is blind, blind blind; love is blind, blind blind. Lukuvale amehlo mhlobo wam ndiyabona, kodwa ke njengamhlobo wam ukulumkisa nokukukhathalela kungumsebenzi wam, kodwa ke uzigqibo ozithathayo zezakho kwaye ndizakukusekela. Ngalo mzuzu ndiza apha sidlulana ngasesangweni engena kokwabo. Ohh yiyo lo nto ahlamba nokuba uya ehlathini nguwe isizathu salo nto. Masingaphozisi maseko mandikuthathe ndiyokufaka ezityeni uhlala yedwa mhlobo wam". Watsho uAndile.

Masibonane kwisiqendu esilandelayo ndinithanda nyani nyani nonke balandeli bam 🥰🌹❤️🌹

18/09/2024

Wayelihlempu Wafela Entlutheni 4!
Bekusekho umbethe ukufika kwabo kulo yise eMqothwane uSiphosethu nomninawa wakhe uZola. Okubamangazayo bafika umakhulu ehleli yedwa, phambi kwakhe kunezitya ezintathu eziphakiweyo. Kumenze ke uZola ambuze kuba ke yena wayebuza engathuli xa kusenzeka into angayaziyo okanye angayiqhelanga. Bafike kuvuliwe, bengekankqonkqozi njalo, uye waphakamisa amehlo uNozibele wazala uncumo ebuswa bakhe wokubona abazululwane bakhe, wabe esiyalela ukuba bangene. Benze njalo ngaphandle kokulibazisa, baye babulisa noxa bexhawulana.

"Anisakhulanga bazukulwana bakamakhulu, ndivuke ngovivi ndanqumla le nkukhu. Hlalani phantsi ndinidlulisele ukutya, ndiyaqonda nokuba niphume nityile kodwa indlela inokuba inisengile ukusuka eTywaka"; watsho uNozibele eququzelela abazululwane bakhe, phofu ezel'ulonwab'entliziyweni. "Hayi makhulu! Siphekele embizeni hayi oku sifike konekiwe phambi kwakho, bazakuthini aba bantu ububaphakala xa befika kutyiwa sithi ukutya kwabo? Abazukuthi sinomona "? Ubuze watsho uZola. Uye wayihleka uNozibele waphundula wathi "abona bantu baphakelwe oku kutya ngaba baphambi kwam, abazululwane bam, lo nto imibuzo yakho undikhumbuza uyihlo esakhula kodwa ke yena wayeyihlohla kuyise ukuze igama lakhe abenguNokho ntoni".

Baye bahleka besamkela ukutya abakunikwa nguninakhulu wabo, kodwa ke umnqwazi awuqini kuZola usafuna ukwazi. "Kengoku makhulu njengokuba singaxelananga ukuba siyeza kwaye sifike ngesaquphe, wazi kanjani ukuba siyeza wade wabe uyasiphakela"? Ubuze watsho uZola. "Imibuzo emingaka Zola, ucinga ntoni ngomakhulu wena, ingathi kuzakufuneka ndikushiye xa ndiphinda ndisiza apha ndizakuyitya ndodwa inkukhu kamakhulu", umxhikrile njalo umninawa wakhe uSiphosethu. Uyawayihleka ke uNozibele waphundula wathi, "kulilungelo lakhe ukwazi umninawa wakho wena Thuthu, uyabona wena mathunjana wam ndingumntu omdala, osisinyanya esisemhlabeni, ngoko ke abalele ukuphumla babakufutshane kwinkonde nenkondekazi, niyalala nina thina asilelanga, sithi silele sivuswe. Bendilele ke nam ndavukwa ngokhokho benu besithi ndandingazelanga uzokulala apha, mandivuke ndibambe ihobe ehokini kunendwendwe ezizayo. Babe bendiyalela ukuba ndicoce nendlu kuba ke bekungacocekanga bazukulwana, iveki ezimbini ezidlulileyo bendingaphilanga ndiqaqanjela zizintso kodwa ke namhlanje oko ndivuswe ngokhokho benu nentlungu zithe qwenge, nditsho namathambo imbala ingathi ndiyibtombi nto". Baye bayihleka bebonke, nemibuzo ke kuZola yanqumka.

Uye waphuma ke uZola emveni kwexeshana eziyokudlala nezinja phandle washiyeka uSiphosethu nomakhulu. "Bath'inyath'ibuzwa kwabaphambili", utshilo uSiphosethu. "Ewe kunjalo, ufuna ukwazi ntoni mzukulwane"? Ubuze watsho uNozibele. "Kukho le ntombi makhulu yaba intliziyo yam ndifunda ibanga le-12 eNtshatshongo, yona yayisenza ibanga le-10. Le ntombazane yaye yasiyeka isikolo iyephule yazingceba intliziyo yam. Yamitha singazange senze nto kodwa yona yathi akekho umntu ethandana naye, ndakhumbula uMariya ekhawulwa ngumoya oyingcwele, ndaphenduka ndanguYosefu. Kodwa ke xa ndiphinda ndimbona emveni kwexesha, intliziyo yam ithi ifuna yena. Kanjani wandenza intlekisa nesiyatha makhulu kanjani"? Wabuza watsho uSiphosethu zigxiza iinyembezi.

Usondele kuye uNozibele wambeka esifubeni emthuthuzela. "Yintliziyo Kaloku le sithetha ngayo ke mzukulwane, ngelinye ixesha iye ibuye ibelixoki, kodwa ke nexesha liyawapholisa amanxeba asentliziyweni. Uyayithanda le ntwazana"? Ubuze watsho uNozibele. "Ngentliziyo yam yonke, ndifuna uk*menza umfazi wam". Watsho uSiphosethu ukuphendula. "Nomntu onomntwana uyakudinga ukuxolelwa, athandwe kwaye nomzi uyawakha. Kodwa ke mzukulwane uzuqaphele ungangxami ngokuzibophelela emtshatweni, sondelelana nayo le ntwazana wazi kabanzi ngayo kungathi kanti ukuyilobola kwakho kukuzigqebha iduma elinguphiyo". Watsho uNozibele.
Masibonane kwisiqendu esilandelayo ndinithanda nyani nyani nonke balandeli bam

16/09/2024

Wayelihlempu Wafela Entlutheni 3!
Ayemane enkqenkqeza amazwi akasizeka kuSiphosethu entloko, intsuka zambini engamboni. Kuthe ngentseni yangoMgqibelo, wavusa umfo wabo ukuba ahlamb'inkab'ehashe lakhe aze amkhaphe boyokuvakashela umakhulu wabo kwilali zaseMqothwane. Uye wathwasuka ke umninawa wakhe waphala uyokuhlamba imoto yomkhuluwa wakhe bakhawuleza bagqiba, nabo bakulungela ukuhamba.

"Mambhele, kodwa imanyaka iyakhawuleza mkam, onyana bakho sebekwazi ngoku ukuhamba bodwa bayokufika ekhaya behamba bodwa. Niqinisekile ke kodwa ukuba anifuni ndinikhaphe"? Ubuze watsho uNozulu. "Hayi tata umakhulu xa sihamba nani uzakufuna ukuba sihlale iveki yonke alibale ukuba wena unentsimi nenkomo ezikujongileyo nomama, mna kufuneka ndiye esikolweni Kanye nobhuti". Uphundule watsho uZola. "Hayi ke xa ningafuni sinikhaphe notata wenu, nihambe kakuhle nisibulisele k*mama", utshilo uNomzi. "Sizakwenza njalo mama, xa esixhelele inkukhu umakhulu ndizakuniphathela umlenze nephiko", utshilo uZola ukuphendula beyihleka bebonke.

Baye bavalelisa ke kubazali babo bakhwela emotweni beyicenga ukuya ngase Mqothwane. Bathe besendleleni benjalo ezidrayini ezijonge eNkelenkethe bayibona le ntwazana iphethe iinyanda enkulu ebotshwe nkqi. Kodwa ke okwak*mmangaza uSiphosethu akasaboni mavukuvuku awaqhelileyo kule ntwazana namhlanje, kwaye sefuna nokuthandabuza ukuba ingabe nguye na okanye ngongomnye umntu. Uyewamthi krwaqu xa esithi uyadlula wabona ukuba ukuba nokuba kuthiwa bayafana kodwa yiyo le ntwazana aqhele ukuyibona, uye wama ngxi, waqhubekeka nendlela ebeyihamba uSizeka engabonisi ukuba nomsebenzi naye lo mfo kwakunye nemoto yakhe.

Uphume kulo moto uSiphosethu waleqeka emveni kwakhe ezama uk*mmisa ake athi ukudlan'udlebe nayo intokazi. Uye wama wamlinda wok*mbona emleqa ngenyawo wothula inyanda yakhe wayimisa ngenzwane. "Nokuba kuthiwa bayafana abantu, unguSizeka wakwaMziba", watsho uSiphosethu. "Kuyakhulwa sewabamngaka na ngoku, onobuhle usabangenela kodwa"? Ubuze watsho uSiphosethu.

Zaye zehla iinyembezi macala omabini kuSizeka, "usandikhumbula kanti Sphororo"? Wabuza lo mbuzo uSizeka zabe zizehlela iinyembezi emehlweni, emthatha embeka esifubeni emthuthuzela uSiphosethu, yena uZola ziyameqa emotweni. "Kwakusek*mnyama ngala mini, kwaye lalimathumb'antaka ilanga langala mini, noko awunakundisola nokuba ke sekukudala ndagqibela ukubona. Ndixolele ntokazi". Watsho uSiphosethu.

"Iphupho lam lokuba yinkosazana yoMzantsi Afrika, la tshabalala ngala nyaka wawugqibelisa ukundibona. Ngoku sendaba nenteshe, izipejeje neminyama umzimba wonke, ndingabe ndifuna ukuyokuba yintlekisa njengokuba ndiyintlekisa apha engingqini naphi na apho ndihamba khona, kanti notata womntwana naye akafuni nokundibona apho ndiyathele khona. Wonke umntu undijikele, umhlawumbi uyazibuza nezinkuni ndizitheza ntsuku zonke ligoqo elitheni elingagcwaliyo. Sphororo ndithezela yonke le lali, ezi nkuni uzibonayo ndizakubhatalwa iiponti ezintlanu, ndiphinde ndiyokuthezela omnye umzi iinyanda ezintathu ndifumane elo shumi le ponti neponti ezintlanu, ndisebenzela athi ebuya unyana wam ukudlaleni okanye esikolweni xa esikolweni abuye atye".

Uye wapipiza uZola, wabe noSiphosethu emshiya kanjalo uSizeka eyokhwela imoto bayivuthulula ukuyokutshona emqothwane.

Masime apha okwangoku sizakubonana kwisiqendu esilandelayo

10/09/2024

Wayelihlempu Wafela Entlutheni 2!

"Awundazi nyani Siphororo, okanye uhlekisa ngam kuba undibona ndikule meko ndikuyo"? Kuye kwamtsarha ukutya kwangokuhlwa uSiphosethu xa kwakubuya la mazwi kaSizeka ebewatsho kuye kwiyure ezimbalwa ezidlulileyo. Ngoko nangoko amehlo kanina, kayise kwakunye nawomfo wabo omncinci ajongisa kuye besethuka.

"Kanye kanye wena ungubani, ndingakwazi nje mna"? Ubuze watsho uSiphosethu phofu engaziva ukuba uthetha yedwa, baqala nabazali bakhe baqwalasela ukuba kukhona okutya unyana wabo wamazibulo. "Uthetha nabani na nyana, ngokuba apha endlini usazi sonke"? Ubuze watsho uNozulu onguyise wamadodana. Uye wethuka ke uSiphosethu wabuza wathi, "ndithetha nabani? Hayi Mpofane ingathi uyaguga", eyihleka yedwa ke phofu.

"Umakoti ngowethu siyavuma, ungowethu ngenene, siyavuma", uhlabelele wenza njalo uNomzi ungunina wamadodana, wabe elandela umfo wabo omncinci onguZuko, beyiyizela. "Mambhele unyana wethu uyagula wena uyabhiyoza, uyayiyizela, okanye niwalibele la magqw...a alapha ekuhlaleni ukuba awayithandi into entle enempumelelo phakathi", ubuze watsho ekhathazekile uNozulu.

"Khawuphakame Tata uzokuxhentsa nathi, uSiphosethu akaguli lo mntwana ndamthwala inyanga ezilishumi, ndayok*mbeleka kweyeshumi elinaye kusithiwa ndilihashe, ngoko ke akekho umntu ungamazi ukwedlula mna. Lo ubone intombi, khumbula tata wayenje nangoku wayesenza ibanga lakhe le-12, kunentombi awayibonayo emveni koko yamshiya intliziyo ilihlwili", utshilo ukuphendula uNomzi.

Uyewashuk*ma uNozulu waxhentsa naye nosapholwakhe, ngapha uSiphosethu uthe luxu ingathi yonke le nto kuye yenzeka emaphupheni, uthe nkebe umlomo umangazeki kwenzeka ntoni kutyiwa. "Mambhele ndiyafuna ukukholelwa, kodwa ke lo mntwana kuzakufuneka simse kokhohlel'esingeni ake aqiniswe umoya wam awuqini", uphawula watsho uNozulu. Eyihleka uNomzi "andali tata singayenza lo nto uk*mkhusela umntwana, singamshiyi ngasemva naye uZuko kaloku naye ngumntwana wethu, ngoko ke uyakudinga naye ukuqiniswa". "Siyavuma sithi yelele yelele siyavuma", ulandele watsho uNozulu.

Masime apha okwangoku sizakubonana ekuseni inj'ixukuxa.

Address

Phoenix

Website

Alerts

Be the first to know and let us send you an email when Msa Sajini WakuGatyane Umbhali Wamabali EsiXhosa posts news and promotions. Your email address will not be used for any other purpose, and you can unsubscribe at any time.

Share